1 Samuel 20:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati ku‐Jonatane: Bona ke, inyanga iya kutwasa ngomso, nxa ndifanele ukuhlala nokumkani ngasekudleni; kodwa ndindulule, ukuba ndizifihle ezindle, kude kuhlwe ngomhla wesitatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuYonatan, Uyabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndifanele ukuhlala nokumkani, ndidle; ndindulule, ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngosuku lwesithathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuYonatan, Yabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndindulule ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngomhla wesithathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenje ke ukuphendula uDavide: “Ngomso oku ngumsitho wokuthwasa kwenyanga, yaye ke kufuneka ndibekho esidlweni sikakumkani. Nceda undikhulule ndiye kuzimela endle kude kube ngokuhlwa kwangomsomnye.