1 Samuel 20:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba uyihlo uka abone ukungabiko kwam, yandula uti: Wazingisa u‐Davide ukucela kum, ukuba agidimele e‐Beteleheme, isixeko sakowabo; ngokuba kuko apo umbingo womnyaka ngomnyaka, owenz elwa isizalwane sonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wothi wena, Ucele kum wandibongoza uDavide, ukuba agidime aye eBhetelehem emzini wakowabo; ngokuba kukho umbingelelo weminyaka ngeminyaka apho, owenzelwa umzi wonke wakowabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wothi wena, Ucele wandibongoza uDavide ukuba ndihambe, ndibaleke ndiye eBhetelehem kowabo; ngokuba kukho umbingelelo womnyaka wemizalwane yonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa uyihlo ephawula ukuba andikho, uze uthi kuye: ‘UDavide undibongozile ukumvumela khe athi tsi kowabo eBhetelehem, abekho xa kusenziwa idini lonyaka elenzelwa onke amawabo.’