1 Samuel 20:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako yenza ngobubele kwisicaka sako; ngokuba ungenisile isicaka sako elucebanweni lukayehova kunye nawe: noko, ukuba kuko ityala kum, ndifise ngokwako, ngokuba kunganina ukuba undizise kuyihlo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko ke uze umenzele inceba umkhonzi wakho; ngokuba umngenise emnqophisweni kaYehova umkhozi wakho lo nawe. Ke ukuba buthe bakho kum ubugwenxa, ndibulale wena ngokwakho; yini na ukuba undise kuyihlo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke, menzele inceba umkhonzi wakho; ngokuba umngenise emnqophisweni kaYehova umkhonzi wakho lo nawe; ngoba ungathini ukundisa kuyihlo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uncede ke uwugcine umnqophiso owandenzela wona phambi koNdikhoyo, usenzele ububele isicaka sakho. Kodwa ukuba ngenene ndinetyala, ndibulale ngokwakho; akukho nto ithi mandisiwe kuyihlo.”