1 Samuel 21:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umperisite wampendula u‐Davide, wati: Akuko isonka esingengcwele pantsi kwesandla sam, kuko kodwa isonka esingcwele, ukuba amadodana azigcinile ebafazini kupela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umbingeleli wamphendula uDavide, wathi kuye, Akukho sonka sisesabantu bonke phantsi kwesandla sam; sesingcwele sodwa isonka esikhoyo; ukuba abafana bathe kodwa bazigcina kubafazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umbingeleli wamphendula uDavide, wathi, Akukho sonka sisesandleni sam, sodwa esingcwele; ukuba abafana ubuncinane bahlala kude kubafazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe umbingeleli: “Akukho sonka siqhelekileyo sikhoyo apha; kuphela kwesonka esikhoyo sesingcwalisiweyo. Phofu ungasifumana xa loo madodana akho engakhange ahlangane nabantu ababhinqileyo kutshanje.”