1 Samuel 21:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wampendula umperisite, wati kuye: Ngenyaniso abafazi babanjiwe kuti izolo nezolo elinye, nxa ndapumayo; kanjalo izitya zamadodana zingcwele; neso sesingati sisonka esingengcwele, nangokukodwa nxa siya kungcwaliswa namhla esinye esityeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wamphendula umbingeleli, wathi kuye, Inene abafazi bathintelekile ukuza kuthi ezi ntsuku zontathu; ekuphumeni kwam ibingcwele impahla yabafana; nokuba ibiyindlela yabantu bonke, yosuka ingcwaliswe yimpahla le namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wamphendula umbingeleli, wathi kuye, Yinyaniso ukuba, ezi ntsuku zintathu ndiphumileyo, iinkazana bezingavumelekile kuthi, izitya zamadodana zingcwele, nesonka siyinto eqhelekileyo, noko kunjalo. Kunamhlanje ke isitya singcwaliswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wamphendula umbingeleli wathi kuye: “Inene, asidibani nabantu ababhinqileyo xa sihambela umcimbi, nokuba ngongephi, andithethi ke xa kungumcimbi omkhulu njengalo siwuphetheyo.”