1 Samuel 21:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umperisite wamnika isonka esingcwele; ngokuba bekungeko kona isonka ngapandle kwezonka zokubonakala, ezibe zisuswa pambi kwoyehova, ukuze kubekwe isonka esifudumeleyo ngomhla wokususwa kwazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umbingeleli wamnika ke esingcwele; ngokuba bekungekho zonka khona ezingezizo zokubonisa, ezibe zisuswe phambi koYehova, ukuba kumiswe izonka ezishushu ngemini yokuthatyathwa kwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umbingeleli wamnika izonka ezingcwele, ngokuba bekungekho zonka khona, ingesiso izonka zokubonisa, eziziswe phambi koYehova, ukuze kubekwe izonka ezishushu ngemini yokundululwa kwaso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbingeleli ke wamnika uDavide eso sonka singcwalisiweyo, kuba kwakungekho sonka simbi ngaphandle kweso sasinikelwe kuNdikhoyo. Sasisesisusiwe esibingelelweni, sekubekwe esitsha.