1 Samuel 21:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Davide kanjako ku‐Ahimeleki: Kanene akuko apa na pantsi kwesandla sako intshuntshe umhlaumbi iṙele? ngokuba ndingatabatanga esandleni sam kwa neṙele lam nezixo̔bo zam, ngokuba umcimbi wokumkani ubunxamile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuAhimeleki, Akukho ntshuntshe nakrele na apha phantsi kwesandla sakho? Kuba ikrele lam kwaneentonga zam andiziphathanga; ngokuba umcimbi kakumkani ungxamisekile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuAhimeleki, Ndathi, Akukho mkhonto nakrele esandleni sakho? kuba ikrele lam okanye izixhobo zam andilizisanga, ngenxa yokuba umsebenzi kakumkani wawungxamisekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wabuza uAhimeleki wathi: “Akunamkhonto na okanye ikrele apha? Udaba lukakumkani lwalungxamisekile kangangokuba andizange ndifumane thuba lakuthatha sixhobo konke.”