1 Samuel 21:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati umperisite: Iṙele lika‐Goliyate um‐Filistiya, obumbulala emhlanjeni wemikoba, nali lilapa, lisongiwe engutyeni emva kweyefodi: ukuba uya kuzitabatela lona, litabate; ngokuba lingeko limbi ngapandle kwalo. Wayesiti u‐Davide: Akuko elinjengelo; linike kum.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umbingeleli, Ikrele likaGoliyati umFilisti, owambulala entilini kaEla, nali lisongelwe engutyeni emva kwe-efodi. Ukuba uyalithabatha, lithabathe; ngokuba akukho limbi. Wathi uDavide, Akukho linjengalo, ndinike lona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umbingeleli, Ikrele likaGoliyati umFilisti, owambeyisa entilini kaEla, nali emva kwengubo ende egxalabeni; ukuba uyafuna ukulithabatha, lithabathe; kuba akukho mntu apha. Wathi uDavide, Akunjalo; Yinike mna.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi umbingeleli: “Likho ikrele apha. LelikaGoliyati, lowa mFilistiya wambulalela kwintlambo yom-oki. Naliya phaya ligqunywe ngesidanga, lithandelwe ngesiziba. Ungalithatha xa ulifuna; kuphela kwesikrweqe esikhoyo apha eso.” Wathi uDavide: “Ndinike lona. Akukho limbi linjengalo.”