1 Samuel 22:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide wemka kona, wasindela emqolombeni we‐Hadulame: bati bakuva oko abakuluwe bake nayo yonke indlu yoyise, behlela kuye apo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wemka ke uDavide apho, wazisindisela emqolombeni waseAdulam. Beva abakhuluwa bakhe nendlu kayise yonke, behla baya kuye khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wemka apho ke uDavide, wabalekela emqolombeni waseAdulam; Beva abazalwana bakhe nendlu yakhe yonke, behla baya kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko wemka eGati uDavide, ebalekela kumqolomba ongaseAdulam. Abantakwabo nendlu yonke kayise baya kugaleleka apho bakuba bevile ngomkhondo wakhe.