1 Samuel 22:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Saule wati kuye: Yinina ukuba nicebile ngakum, wena nonyana ka‐Jese, ekokubeni umnikile isonka neṙele, wambuzela kutixo, ukuze avukele ukundilalela, njengokuba kunjalo namhla nje?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule kuye, Yini na ukuba nindicebe, wena nonyana kaYese, umnike isonka nekrele, umbuzele kuThixo, ukuba asuke andilalele, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule kuye, Yini na ukuba undithande, wena nonyana kaYese, umnike isonka nekrele, uthandaze kuThixo ukuba andivuse, ndilale? linda, njenganamhlanje?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uqhube wathi uSawule: “Liyelenqe lani eli nindenzela lona wena nonyana kaJese? Umnikeleni ukutya, nekrele, wada wambuzela kuThixo, ukuze asuke andilalele njengokuba kunjalo ngoku?”