1 Samuel 22:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Ahimeleki wampendula ukumkani, wati: Ngubanina pakati kwazo zonke izicaka zako onyanisekileyo njengo‐Davide, ongumyeni kukumkani, ongenayo ekuveni kwako, obekekileyo endlwini yako?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAhimeleki wamphendula ukumkani, wathi, Ngubani ke kubakhonzi bakho bonke othembeke njengoDavide, umyeni kukumkani, onokungena ephakathini lakho, ozukileyo endlwini yakho?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAhimeleki wamphendula ukumkani, wathi, Ngubani na kubakhonzi bakho bonke othembeke njengoDavide, umyeni wokumkani, ohamba ngokwesiko lakho, ozukileyo endlwini yakho?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule wenjenje uAhimeleki: “Mhlekazi, kungekho sicaka unaso sithembeke ngaphezu kukaDavide nje? Kaloku uDavide ngumyeni wentombi yakho, engumphathi wabagadi bakho, yaye uhlonitshwa ngumntu wonke wakomkhulu.