1 Samuel 22:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kunamhla nje na endiqalileyo ukumbuzela kutixo? makube le oko kum! makangati ukumkani abeke ityala pezu kwesicaka sake, na pezu kwayo yonke indlu kabawo; ngokuba isicaka sako besingazani nako konke oku, nokuba yinto encinane, nokuba yenkulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiyaqala yini na namhla ukumbuzela kuThixo? Makube lee oko kum; ukumkani makangamthwalisi lutho umkhonzi wakhe lo, nendlu yonke kabawo ngokuba umkhonzi wakho lo akazi lutho kuyo yonke le nto, nokuba loluncinane, nokuba lolukhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndaqala na ngoko ukumbuza kuThixo? Ukumkani makangathwali nto umkhonzi wakhe, nakwindlu yonke kabawo, ngokuba umkhonzi wakho ebengazi nto ngayo, nokuba kuncinane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndimbuzele kuNdikhoyo, ndaye ndingaqali kwenjenjalo phofu. Nalo mba athetha ngawo umhlekazi andazani nawo mna, nditsho namawethu ephela akazi nto ngawo.”