1 Samuel 22:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wati kumlisela obumi ngakuye: Sondelani, nibulale abaperisite bakayehova; ngokuba nesandla sabo sino‐Davide, nangokuba bebesazi ukuba uyasaba yena, kanti akatyilanga oko endlebeni yam. Kodwa izicaka zokumkani bezingavumi ukwolula isandla sazo ukuba ziwele abaperisite bakayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kwizigidimi zakhe ezibe zimi ngakuye, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; kuba nesabo isandla sinoDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, abayityhilela indlebe yam. Abavuma abakhonzi bokumkani ukusa isandla sabo, baxabele kubabingeleli bakaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kwababemi ngeenyawo nabamlindile, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; ngokuba nesabo isandla siphezu koDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, bengandazisanga. Kodwa abakhonzi bakakumkani bala ukolula izandla zabo ukuze balwe nababingeleli bakaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Watsho ebhekisa kubagadi esithi: “Bulalani ababingeleli bakaNdikhoyo! Babebhunga noDavide, abandixelela naxa asabileyo, ukanti babeyazi loo nto.” Bala bona abagadi ukusa isandla kubabingeleli bakaNdikhoyo.