1 Samuel 22:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ukumkani wati ku‐Dowegi: Sondela wena, ubawele abaperisite. Wasondela ke u‐Dowegi um‐Edome, wabawela abaperisite, wabulala ngalomini amadoda angamashumi asibozo anamahlanu abevete iyefodi yeqiya:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuDowegi, Jika wena, uxabele kubabingeleli.Wajika ke uDowegi umEdom, waxabela yena kubabingeleli, wabulala ngaloo mini amashumi asibhozo anamahlanu amadoda enxibe iefodi yelinen emhlophe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuDowegi, Jika, uxabele ababingeleli. Wajika uDoege wakwaEdom, wababulala ababingeleli, wabulala amashumi asibhozo anababini abantu ngaloo mini, bambethe ilinen emhlophe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ke uSawule kuDowegi: “Bahlasele aba babingeleli!” Waza uDowegi wabahlasela wababulala bonke. Yayingamashumi asibhozo ababingeleli ababenelungelo lokuphatha *isidanga ababulawa nguDowegi ngaloo mini.