1 Samuel 22:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko umprofite u‐Gadi wati ku‐Davide: Ungahlali enqatyeni; hamba, uye ezweni lakwa‐Juda. Wahamba u‐Davide waya ehlatini le‐Harete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uGadi, umprofeti, kuDavide, Uze ungahlali emboniselweni; hamba uye ezweni lakwaYuda. Wahamba ke uDavide, waya ehlathini leHerete.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umprofeti uGadi kuDavide, Musa ukuhlala endaweni yonqaba ezintabeni; hamba, uye ezweni lakwaYuda. Emva koko uDavide wemka waya kwihlathi laseHereti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko kwafika *umshumayeli uGadi kuDavide, wathi: “Musa ukuhlala kule nqaba. Buyela kwaJuda.” Wemka ke apho uDavide, waya kuhlala kwihlathi laseHerete.