1 Samuel 22:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU akuva u‐Saule ukuba u‐Davide wazekile, namadoda abenaye, (waye u‐Saule ehleli e‐Gibeha pantsi kwomti wetamariske e‐Rama, enentshuntshe esandleni sake, nazo zonke izicaka zake zimi ngakuye,)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weva uSawule ukuba uyaziwa uDavide, namadoda abenaye.USawule ebehleli eGibheha phantsi komtamariske osemmangweni, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, abakhonzi bakhe bonke bemi ngakuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uSawule wevayo ukuba uDavide namadoda awayekunye naye bafikile, ngoko uSawule wahlala eGibheya phantsi komthi weRama, ephethe umkhonto wakhe esandleni sakhe, nabo bonke abakhonzi bakhe bemi ngakuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uSawule weva ukuba uDavide kunye namadoda akhe babhaqiwe. USawule wayeseGibheya, echophe phantsi komthi womtamariske, ephethe umkhonto. Kwakuthe nqwadalala, amaphakathi akhe emngqongile.