1 Samuel 22:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula wati u‐Saule kuzo izicaka zake ezibe zimi ngakuye: Yivani ke, nina ma‐Benjamine! unyana ka‐Jese woninika nina nonke na amasimi nezitiya zemiti yeveyine? wonenza nina nonke na inkosi zamawaka nenkosi zamakulu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uSawule kubakhonzi bakhe ababemi ngakuye, Khanive, nyana bakaBhenjamin, unyana kaYese woninika amasimi nezidiliya nonke niphela yini na; anenze abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu nonke niphela yini na;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uSawule kubakhonzi bakhe ababemi ngakuye, Phulaphulani, maBhenjamin! Unyana kaYese uya kuninika elowo amasimi nezidiliya, animise nonke nibe ngabathetheli-waka nabathetheli-makhulu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi uSawule kumaphakathi akhe amngqongileyo: “Khanindiphe iindlebe, mawethu akwaBhenjamin! Nicinga ukuba kanene unyana kaJese uza kuninika amasimi nezidiliya, animise nonke nibe ngabaphathi bamabutho namaqela?