1 Samuel 22:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba nina nonke nicebile ngakum, nokuba akuko namnye otyilayo endlebeni yam ukuba unyana wam wenzile ucebano nonyana ka‐Jese, nokuba akuko namnye kuni obuhlungu ngenxa yam, notyilayo endlebeni yam ukuba unyana wam uvusile isicaka sam ngakum sibe ngumlaleli, njengokuba kunjalo namhla nje?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba nje nonke niphela nindicebe, kungabikho namnye uyityhilelayo indlebe yam ukunqophisana konyana wam nonyana kaYese, kungabikho namnye kuni ubuhlungu ngenxa yam, ayityhilele indlebe yam ukuba unyana wam umvusile umkhonzi wam, ukuba andilalele, njengoko kunjalo namhla?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ngenxa enokuba ninditshabhise nje nonke, kungekho namnye undixeleleyo ukuba unyana wam uzimase unyana kaYese, akwabakho namnye uvelana nam, engandixelelanga ukuba ukhuliswe ngunyana wam. Undivukile ke umkhonzi, ukuze akrobe njenganamhla?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba yiyo loo nto nonke senindenzela amayelenqe? Yiyo loo nto kungabangakho namnye kuni okhe wandithela thsuphe ngemvumelwano yonyana wam nonyana kaJese? Bekungasekho mntu na undikhathaleleyo kangangokuba andixelele ukuba uDavide, isicaka sam, ndithethanje undilalele, efuna ukundibulala, exhaswa ngunyana wam?”