1 Samuel 23:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wesuka u‐Davide, namadoda ake, anga angamakulu matandatu, bapuma e‐Kehila, bahamba apo babenokuhamba kona. Kwaza kwaxelwa ku‐Saule ukuba u‐Davide usindile e‐Kehila; ngako wayeka ukupuma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka uDavide namadoda akhe, bekumakhulu amathandathu amadoda, baphuma eKehila, bahamba apho bangahamba khona.Waxelelwa uSawule ukuba uDavide usabile eKehila; wayeka, akaphuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko wesuka uDavide namadoda akhe, abantu abamalunga namakhulu amathandathu, besuka eKehila, bahamba naphi na apho babesiya khona. Waxelelwa uSawule, ukuba uDavide ubalekile eKehila; woyisakala ke ukuphuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wanduluka kwangoko ke eKehila uDavide kunye namadoda akhe amalunga namakhulu amathandathu, behamba behlala. Akabanga saya eKehila uSawule akuva ukuba uDavide ubalekile wemka apho.