1 Samuel 23:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuye: Ungoyiki; ngokuba isandla sika‐Saule ubawo singayi kukufumana; koko wena uya kuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, nam ndiya kuba ngosemva kwako; kanjako no‐Saule ubawo uyazi njalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuye, Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana; Wena uya kuba ngukumkani wakwaSirayeli, mna ndibe nawe; ukanti uSawule uyise uyayazi le nto.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kuDavide uJonatan: “Musa ukoyika, Davide; ubawo uSawule akasoze abe nako ukusa isandla kuwe. Nguwe oza kuba ngukumkani kwaSirayeli; mna ndiza kuba sisandla sakho. Úyayazi naye loo nto ubawo uSawule.”