1 Samuel 23:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanihambe ke, nibe nisalungisa, nazi nibone indawo yake, apo unyawo lwake lukona, nokuba ngubanina ombonileyo kona; ngokuba kutshiwo kum ukuba uyenza ngobuqinga futi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khaniye nigqale okunye, nazi, nibone indawo yakhe, apho unyawo lwakhe lukhona, nokuba ngubani na ombone khona; ngokuba kuthiwa kum, Asikuko nokuba unobuqhophololo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiyani nilungise, nikhangele, nibone apho ahlala khona, nokuba ngubani na owambona khona; kuba ndixelelwe ukuba unobuqhophololo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Godukani ke, niphinde nikhangelise kakuhle apho akhoyo, nimazi naloo mntu umbonileyo. Kuthiwa uDavide ulumkile.