1 Samuel 23:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waya no‐Saule namadoda ake ukufuna. Kwada kwaxelwa ku‐Davide; ngako wehla eliweni, wahlala entlango yase‐Mahone. Wati u‐Saule akuva oko, wamputuma u‐Davide entlango yase‐Mahone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba uSawule namadoda akhe ukuya kumfuna. Bamxelela uDavide. Wehla ke waya engxondorheni, wahlala entlango yeMahon.Weva uSawule, wamsukela uDavide entlango yeMahon.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahamba uSawule namadoda akhe ukuya kumfuna. Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, Wehla ke waya encotsheni yengxondorha, wahlala entlango yeMahon. Weva uSawule, wamsukela uDavide entlango yeMahon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule wanduluka ukuya kufuna uDavide. Kodwa yena uDavide wayixelelwa loo nto, wemka waya kuhlala kwingxondorha yenduli eyayikuloo ntlango iMawoni. Uthe akuyiva loo nto uSawule, waya kwintlango iMawoni, esekhondweni likaDavide.