1 Samuel 23:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Saule ehamba ngelicala lentaba, no‐Davide namadoda ake ngeliya icala lentaba: waza u‐Davide wanxama ukumka ngenxa ka‐Saule; ngokuba u‐Saule namadoda ake bebemṙaula u‐Davide namadoda ake, ukuze bababambe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wahamba uSawule ngeli cala lentaba; wahamba uDavide namadoda akhe ngelaa cala lentaba. UDavide wemka buphuthuphuthu, ngokoyika uSawule; ke uSawule namadoda akhe babemrhawula uDavide namadoda akhe, ukuba bababambe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wesuka uSawule waya kwelinye icala lentaba; waphuma uDavide namadoda akhe, baya nganeno kwentaba; ngokuba uSawule namadoda akhe babemrhawula uDavide namadoda akhe, ukuba bababambe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule nomkhosi wakhe noDavide namadoda akhe bohlulwa yiloo nduli, omnye ekwelinye icala, omnye ekwelinye, ooDavide bezama ukubaleka umkhosi kaSawule owawuselubarhangqile ukubabamba.