1 Samuel 23:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa amadoda ka‐Davide ati kuye: Bona ke, silapa nje kwa‐Juda siyoyika; kangakananina ngakumbi ke, nxa siya kuya e‐Kehila ngakuwo amabandla ama‐Filistiya?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi amadoda akwaDavide kuye, Nanku thina sisoyika, sikwaYuda apha. Sobeka phi na, xa sithe saya eKehila, ezintlwini zamaFilisti?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi amadoda kaDavide kuye, Nanku thina sisoyika, sikwaYuda apha; Singangena njani eKehila siye kuhlasela imikhosi yamaFilisti?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda kaDavide wona avakala esithi: “Singathi sihleli sisoyika kakade apha kwaJuda, sibuye siye kuhlasela umkhosi wamaFilistiya eKehila?”