1 Samuel 23:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapinda kanjako u‐Davide ukubuza kuyehova. Waye uyehova wampendula, wati: Suka, yihla uye e‐Kehila; ngokuba ndiya kunikela ama‐Filistiya esandleni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphinda uDavide, wabuza kuYehova kanjalo. Wamphendula uYehova, wathi, Suka uhle, uye eKehila; ngokuba ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide waphinda wabuza kuYehova. uYehova wamphendula, wathi, Yihla uye eKehila; kuba ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke uDavide wabuza kuNdikhoyo kwakhona ukuba angaya kuwahlasela na amaFilistiya. Waphendula wathi uNdikhoyo: “Wahlasele amaFilistiya eKehila, kuba ndiza kuwanikela ezandleni zakho.”