1 Samuel 23:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza waya u‐Davide namadoda ake e‐Kehila, walwa ngakuwo ama‐Filistiya, watimba inkomo zawo, wawabeta ngesibulalo esikulu. Kwa njalo u‐Davide wasindisa abemi base‐Kehila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya ke uDavide namadoda akwakhe eKehila, walwa namaFilisti, wayiqhuba imfuyo yawo, wawabulala kakhulu.Wabasindisa ke uDavide abemi beKehila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide namadoda akhe baya eKehila, bawaxabela amaFilisti, bayithimba imfuyo yawo, bawabulala kakhulu. Wabasindisa ke uDavide abantu baseKehila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wanduluka kunye namadoda akhe, baya kuwahlasela amaFilistiya. Babulala amaFilistiya amaninzi, bathimba nemihlambi yawo. Waba ke uyihlangule njalo loo dolophu uDavide.