1 Samuel 24:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, kwa namhla nje amehlo ako abonile okokuba uyehova wakunikela namhla esandleni sam emqolombeni; kwaye kutiwa mandikubulale; kodwa iliso lam belinosizi pezu kwako; ndandisiti: Andiyi kusolula isandla sam ngakuyo inkosi yam; ngokuba ingumtanjiswa kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, namhla abonile amehlo akho, ukuba uYehova ebekunikele esandleni sam namhla emqolombeni; kwathiwa mawubulawe. Laba nenceba kuwe iliso lam, ndathi, Andiyi kusa sandla enkosini yam; ngokuba ingumthanjiswa kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, namhlanje amehlo akho abonile ukuba uYehova ebekunikele namhla esandleni sam emqolombeni; abanye bathi mandikubulale; Ndathi, Andiyi kusolula isandla sam enkosini yam; ngokuba engumthanjiswa kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena akuyiboni into yokuba khona ngoku uNdikhoyo ebekunikele esandleni sam phaya kulaa mqolomba? Bekusithiwa mandikucim' igama, kodwa ndaba nenceba, ndala konke mna ukukubulala, kuba kaloku wena ungukumkani, umthanjiswa kaNdikhoyo.