1 Samuel 24:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa u‐Davide abegqibile ukuteta lamazwi ku‐Saule, wandula u‐Saule wati: Lilizwi lako na eli, nyana wam Davide? Waza u‐Saule wapakamisa ilizwi lake, walila.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akugqiba uDavide ukuwathetha la mazwi kuSawule, wathi uSawule, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? USawule waliphakamisa izwi lakhe, walila.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wagqiba uDavide ukuwathetha la mazwi kuSawule, wathi uSawule, Lilizwi lakho na elo, Davide, nyana wam? Waliphakamisa uSawule ilizwi lakhe, walila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe akupheza ukuthetha uDavide, wavakala uSawule esithi: “Davide, mfo wam, ngaba lilizwi lakho na elo?” Watsho elila.