1 Samuel 24:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba nxa indoda ilufumeneyo utshaba lwayo, iya kulundulula ngendlela elungileyo na? Ngako uyehova makabuyekeze kuwe okulungileyo ngenxa yoko ukwenzileyo kum namhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa umntu alufumanayo utshaba lwakhe, wolundulula ngendlela elungileyo yini na? UYehova makabuyekeze kuwe okulungileyo ngenxa yoko undenze ngako namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba umntu uthe walufumana utshaba lwakhe, wolukhulula na? uya kukubuyekeza uYehova ngenxa yento oyenzileyo kum namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yakha yabonwa phi into yokuba athi umntu, selelubambile utshaba lwakhe, abuye aluyeke angalwenzakalisi? Ubenga uNdikhoyo angakuthamsanqela ngale nto ilungileyo undenzele yona namhlanje.