1 Samuel 24:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Saule watabata amadoda anyuliweyo angamawaka matatu kubo bonke o‐Sirayeli, waya ukumfuna u‐Davide namadoda ake pezu kwelwalwa zamagogo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
USawule wawathabatha amadoda angamawaka amathathu ahleliweyo kumaSirayeli onke; wayakufuna uDavide namadoda akhe emaweni amagogo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wandula ke uSawule wathabatha amadoda angamawaka amathathu awayenyulwe kuSirayeli wonke waza waya kufuna uDavide namadoda akhe emaweni eebhokhwe zelizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule wathatha amawaka amathathu amadoda akhethiweyo kwaSirayeli, wangena ekhondweni, esiya kukhangela uDavide ngakwicala langasempumalanga laMaweempunzi.