1 Samuel 25:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WADA wafa u‐Samyali; baza bahlanganiswa o‐Sirayeli bonke, bamlilela, bamncw̔aba endlwini yake e‐Rama. Wemka u‐Davide, wehla waya entlango ye‐Parane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafa uSamuweli. Abuthelana onke amaSirayeli, ammbambazelela, amngcwabela endlwini yakhe eRama. Wesuka uDavide, wehla waya entlango yeParan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafa uSamuweli; yaye bonke oonyana bakaSirayeli bahlanganisana baza bamzilela baza bamngcwabela endlwini yakhe eRama. Wagqiba ke uDavide, wehla waya entlango yaseParan.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi akubhubha uSamweli aqokelelana onke amaSirayeli, aza amzilela. Wangcwatyelwa kowabo eRama uSamweli. Emva koko uDavide wemka waya kuhlala kwintlango iParan.