1 Samuel 25:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
sendiya kutabata na isonka sam, namanzi am, nesixe̔lo sam endisixe̔leleyo abacebi bam, ndinike kumadoda endingawazi ukuba angawapina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndingathini na ukuthabatha isonka sam, namanzi am, nento yam exheliweyo, endiyixhelele abachebi bam, ndiyinike amadoda endingawaziyo nokuba avela phi na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke ndiya kuthabatha isonka sam, namanzi am, nenyama yam, endayibingelelayo kubachebi bam, ndiyinike abantu endingabaziyo apho baphuma khona?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndingathini ukuthatha ukutya kwam, nesiselo sam, nenyama endiyixhelele abachebi bam, ndiphise ngayo kumadoda angoovuk' engceni.”