1 Samuel 25:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Davide kumadoda ake: Binqani nonke amaṙele enu. Abinqa ke amanye ngamanye amaṙele awo; no‐Davide wabinqa iṙele lake naye. Aza enyuka emva kwo‐Davide amadoda anga angamakulu mane; aye amakulu mabini ehleli ngasempahleni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kumadoda akhe, Nxibani elowo ikrele lakhe.Banxiba ke elowo ikrele lakhe. Walinxiba noDavide ikrele lakhe.Kwenyuka uDavide, elandelwa ngamadoda akumakhulu amane;kwahlala amakhulu amabini nempahla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kumadoda akhe, Thabathani elowo ikrele lakhe. Babhinqa elowo ikrele lakhe; Naye uDavide wabhinqa ikrele lakhe, waza walandela uDavide, malunga namadoda angamakhulu amana kwasala amakhulu amabini kwabalungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi kumadoda akhe: “Xwayani nonke amakrele enu!” Bonke bawaxwaya, waza naye wenjenjalo. Wahamba namakhulu amane amadoda, kwasala amakhulu amabini elinde impahla.