1 Samuel 25:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, yazi ubone into uya kuyenza; ngokuba ububi sebugqityiwe ngakuyo inkosi yetu, nangakuyo yonke indlu yayo: ngokuba yona ingunyana wobunginingini, kude kungabi nakutetwa kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yazi ngoko, uyibone into oyenzayo; ngokuba kugqitywe kwelobubi ngakwinkosi yethu, nangakwindlu yayo yonke;ilitshijolo, akusenakuthethwa nayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazi ngoku, uyinyamekele into oyenzayo; kuba eneneni ububi bufikela ukumkani wethu nendlu yakhe yonke, ekubeni engunyana kaBheliyali ekungekho bani uya kuthetha naye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khawuyicinge nawe loo nto, ukhangele ukuba wena ungenza ntoni na. Isenokuba yingozi kumhlekazi le nto, nkqu nakumzi wakhe wonke. Ayizonkani kumhlekazi; akeva mntu!”