1 Samuel 25:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti kuzo izicaka zake: Dlulani pambi kwam; nanku mna ndisiza emva kwenu. Kodwa akayixelela indoda yake u‐Nabali.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kumadodana akwakhe, Gqithelani phambi kwam;niyabona, ndiyanilandela. Akayixelela indoda yakhe uNabhali.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubakhonzi bakhe, Gqithelani phambi kwam; uyabona, ndiya kukulandela. Kodwa akazange ayixelele indoda yakhe uNabhali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi kwizicaka zakhe: “Khokelani; mna ndiza kulandela.” Akazange ase lizwi kumyeni wakhe uNabhali.