1 Samuel 25:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Davide ebete: Ngenyaniso ndifumane ndagcina konke anako lo entlango, kwada akwamlahleka nanye into kuko konke anako: kanjako ubuyekezile kum okukohlakeleyo esikundleni sokulungileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uDavide ebethe, Ndifumane ndazixokisa ngokwam, ndazigcina zonke izinto zalo entlango, akwalahleka nto entweni yonke eyeyakhe; wandibuyisela ububi esikhundleni sokulungileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide, Ndifumane ndafumana, ndakuba ndizigcine zonke izinto enazo entlango, kungalahleki nto entweni yonke yakhe; wandibuyisela ububi bam ngokulungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wayesatsho ukuthi: “Kube lilize ukukhusela impahla yelaa tshijolo uNabhali endle. Akukho nanye into yakhe eyakha yabiwa, kodwa ngoku undibulela ngesikhohlela ndakugqiba ukumnceda!