1 Samuel 25:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wawa ngasezinyaweni zake, wati: Malibe pezu kwam, nkosi yam! ityala elo: kanjalo makesitete isicakakazi sako ezindlebeni zako, uve amazwi esicakakazi sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawa ke ezinyaweni zakhe, wathi, Mabube kum, kum lo, nkosi yam, ubugwenxa obu. Makhe athethe umkhonzazana wakho ezindlebeni zakho, uwaphulaphule amazwi omkhonzazana wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza waziphosa phantsi ezinyaweni zakhe waza wathi: “Makube phezu kwam obu bubi, nkosi yam, yaye umkhonzazana wakho makabuthethe phambi kwabaphulaphuli bakho” uweve amazwi omkhonzazana wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wakhahlela wathi: “Mhlekazi, nceda, libeke kum ityala! Ndivumele mna sicakazana sakho ndithethe nawe, uyive into endiyibhekisa kuwe.