1 Samuel 25:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, nkosi yam! njengokuba ehleli uyehova, nanjengokuba uhleli nompefumlo wako, unguye uyehova okunqandileyo ekuzeni ngegazi, ukuba uzipindezelele ngesako isandla: ngako kaloku, mababe njengo‐Nabali abazintshaba zako, nabafunela inkosi yam ububi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko, nkosi yam, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, inene, uYehova ukunqandile ukuba ungaphalazi gazi, ungazisindisi ngesandla sakho; ngoko mazibe njengoNabhali iintshaba zakho, nabayifunela ububi inkosi yam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku, nkosi yam, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ekubeni uYehova ekwawisele umthetho wokuba uphalaze igazi, uziphindezelele ngesandla sakho; zifuneni kaloku iintshaba zenu, nabenzi bobubi, uYehova wam, njengoNabhali.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nangoku *nguNdikhoyo lo ukunqandileyo ukuba ungaphalazi igazi ngokuziphindezela kwiintshaba zakho. Ekho nje uNdikhoyo zonke iintshaba zakho kunye nâbo bakuzondayo baza kohlwaywa, bafane noNabhali.