1 Samuel 25:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
oku akuyi kwandula kube sisigexiso kuwe, nesiku̔bekiso sentliziyo kuyo inkosi yam, okokuba upalazile igazi kungeko tuba, nokokuba inkosi yam izipindezelele ngokwayo: kodwa nxa uyehova aya kwenzela inkosi yam okulungileyo, wandul’ ukukumbula isicakakazi sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
oko kungabi sisiwiso kuwe, nesikhubekiso sentliziyo yenkosi yam, nokuphalaza igazi elimsulwa, nokuzisindisa kwenkosi yam; ukuba uthe uYehova wenza okulungileyo enkosini yam, womkhumbula umkhonzazana wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
makungabikho kuwe ukuba buhlungu okanye ube nengqumbo entliziyweni yakho ngenxa yenkosi yam ngokuphalaza igazi ngaphandle kwesizathu okanye ukuziphindezela kwenkosi yam; ukuba uYehova wenze okulungileyo enkosini yam, womkhumbula umkhonzi wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
okwenzekileyo namhlanje akuyi kuba sisizathu sokuba ukhubeke okanye uzisole ngento yokuphalaza igazi elimsulwa uziphindezela. Nam ke, mhlekazi, uze ungandilibali xa athe wakuthamsanqela uNdikhoyo.”