1 Samuel 25:34 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba okunene, njengokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ehleli, ondinqandileyo ekukwenzeleni ububi, ukuba ubunganxamanga ukuza kundikaulela, ngenyaniso bekungayi kusaliselwa u‐Nabali kude kukanye ukusa namnye onobudoda!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Noko ke ehleli nje uYehova, uThixo kaSirayeli, ondithinteleyo andenza nto imbi, ukuba ubungangxamanga uze kundikhawulela, inene, ngekungadanga kuse ngomso kusasele kwaNabhali into eyindoda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ehleli uYehova, uThixo kaSirayeli, ondithinteleyo ukuba ndingenzi nto imbi kuwe, ukuba ubungangxamanga uze kundikhawulela, ange engathanga uNabhali kusasa, angamohlwayanga uYehova idonga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, nguNdikhoyo lo undinqandileyo ukuba ndingamenzakalisi uNabhali. Kambe ndifunga uThixo kaSirayeli ukuba, xa ubungakhawulezanga wandikhawulela, ngengomso ibiya kuba ifile yonke into eyindoda kwaNabhali.”