1 Samuel 25:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka u‐Abigali weza ku‐Nabali; kekaloku bona ke, ebenesidlo endlwini yake njengesidlo sokumkani; yati intliziyo ka‐Nabali yacwayita pakati kwake, ngokuba enxilile kakulu; ngako akamxelela nto, encinane nenkulu, kwada kwakanya ukusa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya ke uAbhigali kuNabhali, nanko enesidlo endlwini yakhe njengesidlo sokumkani; intliziyo kaNabhali imnandi, enxila kunene. Akamxelela nto, nokuba yencinane nokuba yenkulu, kwada kwasa ngengomso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya ke uAbhigali kuNabhali; nanko enesidlo endlwini yakhe, njengesidlo sokumkani; intliziyo kaNabhali yayichwayitile phakathi kwakhe, enxila kunene ke ngoko, makangamxeleli nto, nokuba ingako, kude kube kusasa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wagoduka ke uAbhigeli, ebuyela kuNabhali, owayenze itheko elifana nelekumkani. Wayeshushu umfo, watsho wayimvuzemvuze bububele. UAbhigeli ke akazanga abe samxelela nto kwada kwangegomso.