1 Samuel 25:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide, akuva ukuba u‐Nabali ufile, wati: Makabongwe uyehova, opikisile impikiso yesigxekwa sam esandleni sika‐Nabali, nesicaka sake wasisonga enkohlakalweni; ngokuba inkohlakalo ka‐Nabali uyehova eyibuyisile pezu kweyake intloko. Wandula watuma u‐Davide, wateta no‐Abigali, ukuba amtabatele kuye abe ngumfazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Weva uDavide ukuba uNabhali ufile, wathi, Makabongwe uYehova okuthetheleleyo ukungcikivwa kwam, wandikhulula esandleni sikaNabhali, wamnqanda umkhonzi wakhe ebubini, uYehova wabubuyisela ububi bukaNabhali entlokweni yakhe.Wathumela uDavide, wathetha kuAbhigali ukuba amzeke, abe ngumkakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weva uDavide ukuba uNabhali ufile, wathi: “Makabongwe uYehova oye wakhusela ungcikivo lukaNabhal nomkhonzi wakhe ebubini; ngenxa yokuba ububi bukaNabhali busentlokweni yakhe. Emva koko uDavide wathumela kuAbhigali ukuba amthabathe abe ngumfazi wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zathi zakufika kuDavide iindaba zokuba uNabhali akasekho, wavakala esithi: “Makabongwe uNdikhoyo ondilamleleyo kwimbambano yam noNabhali owandenzela ulunya. Mna sicaka sakhe uNdikhoyo wandinqanda ekwenzeni ububi, baza ubugwenxa bukaNabhali babuyekezelwa kwakuye.” Emva koko uDavide wathumelisa kuAbhigeli emcela ukuba abe ngumkakhe.