1 Samuel 25:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Buza abafana bako, bokuxelela ke. Ngako mabati abafana aba bafumane ufefe emehlweni ako; ngokuba sisiza ngomhla olungileyo: kaunike oko kusukuba sikufumana isandla sako kwizicaka zako, nakunyana wako, ku‐Davide.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Buza kumadodana akho, okuxelela. Makababalwe nguwe la madodana akowethu, ngokuba sifike ngemini elungileyo.Khawubanike abakhonzi bakho, nonyana wakho uDavide, into esithe sayifumana isandla sakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Buza kumadodana akho, okuxelela; Makababalwe nguwe abafana emehlweni akho; ngokuba siza ngemini elungileyo; Konke okusesandleni sakho ubanike abakhonzi bakho nonyana wakho uDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nabo bangayingqina loo nto. Ke ngoku, njengokuba la madodana ndiwathumele kuwe ngomhla wetheko, nceda uwanike nokuba yintoni na, eze nayo apha kum, mna nyana wakho.’ ”