1 Samuel 26:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wati u‐Davide: Njengokuba uyehova ehleli, nguyehova oya kumbeta; umhlaumbi umhla wake uya kuza ukuba afe, umhlaumbi uya kuhlela ekulweni, andule abube:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide, Ehleli nje uYehova, ukuba akathanga uYehova ambulale, mhlawumbi kwafika imini yakhe wafa, mhlawumbi wehla waya emfazweni wabulawa:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wongezelela wathi, NgoYehova ovayo, uYehova uya kumvelela; nokuba iya kufika imini yakhe yokufa; okanye uya kuhla aye emfazweni, atshabalale.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inene, ekho nje uNdikhoyo,” waqhuba watsho uDavide, “nguNdikhoyo ngokwakhe oya kumbetha, nokuba kungokufika kwemini yakhe yokufa, nokuba kungokubulawa kwakhe edabini.