1 Samuel 26:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide wasusa intshuntshe negubu lamanzi endaweni yentloko ka‐Saule; baza bemka ke: kwaye kungeko namnye obebona, nobesazi, nobevuka; ngokuba bona bonke bebelele butongo, ngokuba ubutongo obukulu bukayehova bebuwile pezu kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayithabatha ke uDavide intshuntshe, neselwa lamanzi, engasentlokweni kaSawule; bemka, kungaboni mntu, kungazi mntu, kungavukanga mntu; ngokuba bonke babelele: kuba babewelwe bubuthongo obukhulu bukaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wathabatha intshuntshe, nonqamlezo lwamanzi kumphongolo kaSawule; barhoxa, akwabakho bani ubonayo, nokwaziyo, novukayo; kuba bonke babephethukile; ngokuba balele ebuthongweni obukhulu bukaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bawuthatha ke loo mkhonto naloo ngqayi zazisentla koSawule, bemka nazo ooDavide noAbhishayi. Akukho bani owababonayo, nabani owakuvayo okwakuqhubeka, nabani owaphaphamayo; bonke babelel' obentlombe, kuba kaloku uNdikhoyo wabahlisela obunzulu obu ubuthongo xa bebonke.