1 Samuel 26:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Davide ku‐Abenere: Akuyindoda na? ngubanina nofana nawe kwa‐Sirayeli? yinina ke ukuba akuyilindanga inkosi yako ukumkani? ngokuba bekungena omnye wabantu ukuza kutshabalalisa ukumkani inkosi yako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuAbhinere, Akuyiyo ndoda yini na? Ngubani na onjengawe kwaSirayeli? Yini na ke ukuba ungayigcini inkosi yakho ukumkani? Ngokuba kufike ubani wasebantwini, eza konakalisa ukumkani inkosi yakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuAbhinere, Akuyindoda elikroti na? yaye ngubani na onjengawe kwaSirayeli? Yini na ukuba ungayisindisanga inkosi yakho, kumkani? ngokuba kufike umntu ebantwini, eza konakalisa ukumkani wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuphendule kwauDavide, wenjenje: “Andibi kanene, Abhinere, nguwe intshatsheli emfazweni? Ukhona na omnye olingana nawe kwaSirayeli? Ngani ke ungamkhuseli umhlekazi ikumkani yakho? Ngoku ndithethayo kungene umntu apho emkhosini wenu, eze kubulala ukumkani.