1 Samuel 26:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ayilungile lento uyenzileyo. Ehleli nje uyehova, nifanelwe kukufa, ngokokuba ningayilindanga inkosi yenu, umtanjiswa kayehova. Nakaloku, kangela ipina intshuntshe yokumkani, negubu lamanzi elibe lingasentlokweni yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asinto ilungileyo le uyenzileyo. Ehleli nje uYehova, ningoonyana bokufa, ningayigcinanga nje inkosi yenu, umthanjiswa kaYehova. Khangela kaloku, iphi na intshuntshe yokumkani, neselwa lamanzi elibe lingasentlokweni yakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ayilungile le nto uyenzileyo. Ehleli nje uYehova, nifanelwe kukufa, ngenxa yokuba aniyikhuselanga inkosi yenu, umthanjiswa kaYehova. Ngoku khawujonge apho umkhonto wokumkani kunye nomnqamlezo wamanzi wawukumphongolo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imbi le nto uyenzileyo, Abhinere! Ekho nje uNdikhoyo, ndithi nimelwe kukufa nonke, kuba noyisakele kukukhusela ukumkani wenu, umthanjiswa kaNdikhoyo! Khawukhangele: uphi umkhonto kakumkani? Iphi yona ingqayi yakhe, le ibisentla kwakhe?”