1 Samuel 26:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo: Kunganina ukuba inkosi yam yenje nje ukuputuma isicaka sayo? ngokuba iyinto nina endiyenzileyo? yiyipina inkohlakalo esesandleni sam?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Yini na le nto inkosi yam imsukelayo umkhonzi wayo?Kuba ndeze ntoni na? Bubi buni na obusesandleni sam?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Yini na ukuba inkosi yam imsukele ngolu hlobo umkhonzi wayo? Ndenze bubi buni na, siyintoni na esandleni sam?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Watsho eqhuba esithi: “Khawutsho, mhlekazi, usandizungula ngantoni kangaka! Ndenzeni, mhlekazi? Liyintoni ityala lam kuwe?