1 Samuel 26:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku maiti inkosi yam ukumkani ike ive amazwi esicaka sayo. Ukuba nguyehova okuvusileyo ngakum, makasezele irumba lomnikelo wokudla: kodwa ukuba ngabo onyana babantu, mabaqalekiswe bona pambi kwoyehova; ngokuba bendigxotile namhla ukuba ndingazibandakanyeli kwilifa likayehova, besiti: Hamba, ukonze otixo bambi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngoko inkosi yam ukumkani mayikhe iwaphulaphule amazwi omkhonzi wayo. Ukuba nguYehova okuxhokonxileyo ngakum, makasezele umnikelo wokudla; ukuba ngoonyana babantu, mabaqalekiswe phambi koYehova. Ngokuba bandigxothile namhla, ukuba ndingahlangani nelifa likaYehova, bathi, Hamba ukhonze thixo bambi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke ngoko inkosi yam ukumkani mayikhe iwaphulaphule amazwi omkhonzi wayo. Ukuba uYehova ekuxhobisile kum, makawamkele umbingelelo; Ke oonyana babantu baqalekisiwe phambi koYehova; ngenxa yokuba namhlanje bandigxothile ukuba ndingahlali elifeni likaYehova, besithi, ‘Hamba uye kukhonza abanye oothixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Mhlekazi, nkosi yam, khawuphulaphule amazwi omkhonzi wakho! Ukuba nguNdikhoyo okuxhokonkxileyo ngakum angáxoliswa ngumnikelo. Phofu ukuba ngabantu, mabahlelwe sisiqalekiso sikaNdikhoyo. Kaloku bandiphephethe ndatsho ndabhacela ngaphandle komhlaba olilifa lethu esilinikwe nguNdikhoyo, besithi: ‘Deda, uye kunqula *thixo bambi!’