1 Samuel 26:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wanga uyehova angabuyisela kubo bonke ngabanye ubulungisa babo nenyaniso yabo: ngokuba uyehova ebekunikele namhla esandleni sam, kodwa bendingavumi ukwolula isandla sam ngakuye umtanjiswa kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uya kuyibuyisela ubulungisa bayo, nokuthembeka kwayo, indoda abekunikele esandleni sayo uYehova namhla;andivumanga ukusa isandla sam kumthanjiswa kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngamana uYehova angabuyisela ubulungisa bakhe nokuthembeka kwakhe elowo nalowo, ngenxa yokuba namhlanje uYehova ubunikele esandleni sam, kodwa andivumanga ukusa isandla sam phezu kothanjisiweyo kaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NguNdikhoyo ongumvuzi wabenza okulungileyo kwanâbo bathembekileyo. Wena ebekubeke esandleni sam namhlanje uNdikhoyo, kambe ke mna andikusanga sandla, kuba ungukumkani othanjiswe nguye.